Ukusingisa kwimpumelelo yomfundi edityanelweyo: uphononongo lweengcamango zeTLA kunye neendlela zokusebenza eSU

Impumelelo yomfundi ehlanganisiweyo ibhekiselele kwisakhono sabafundi ababhalise kwisidanga ngeenjongo zokuphumelela iziphumo zokufunda kwinqanaba elilindelekileyo nangexesha elilindelekileyo.  Ikwanabela nakwisakhono sabafundi sokusebenzisa izidanga zabo ukufaka isandla kuphuhliso lwesizwe nolwabantu. Kumazwe amaninzi, impumelelo yabafundi ibonakalisa ukungalingani kwezentlalo okuthe, nangona kungenakulungiswa ngokuthe ngqo ziiyunivesithi, kufuneka ukuba amaziko aphuhlise amaphulo ongenelelo ngoncedo ahlukeneyo okuxhasa ukufundisa, ukufunda novavanyo (TLA).  La manyathelo ongenelelo (afana namathuba aluqilima okuqeqeshwa kwabahlohli baseyunivesithi, uhlaziyo oluqhubekayo lwezifundo kunye nohlaziyo lwenkqubo zemfundo, iingcebiso ezicwangcisiweyo kwizifundo, kunye nenkxaso eyomeleleyo ngokwasengqondweni nangezemali) aqinisekisa ukuba ukulingana kweziphumo kunokwenzeka kwaye bonke abafundi bafumana inkxaso ekhawulezileyo abayidingayo ukuze baphumelele izifundo zabo emva koko. Xa sithetha ngamava omfundi aguqukayo ngokunxulumene nempumelelo yabafundi edityanelweyo, sikwabhekisa kunxibelelwano phakathi kwempumelelo yezifundo zabafundi kunye nengqiqo yabo kunye nokuqonda impumelelo kwezinye iinkalo zobomi bomfundi kunye nobomi bomntu, ubunkokeli, imidlalo, ezopolitiko, ubugcisa, uluntu , njl, njl.

Kule nkomfa yeSoTL (iScholarship of Teaching and Learning (Ukufundiswa kokuFunda nokuFundisa)), sifuna ukuphonononga indlela esiyiqonda ngayo impumelelo yabafundi ehlanganyelweyo ngokunxulumene nokusebenza kwethu njengabahlohli baseyunivesithi kwindawo yeTLA egxile ekufundeni.  Le ilandelayo yeminye yemibuzo esingathanda ukuyiphendula:

  • Zeziphi iindlela esizisebenzisayo ukuqonda unobangela wokufunda nokungafundi kwabafundi bethu?
  • Zizibona njani iimfuno zabafundi ze sisabele kuzo?
  • Siyiqonda njani i(ii)ndima kunye noxanduva lwethu kwindlela yongenelelo eneenkalo ezininzi?
  • Zeziphi izibonelelo, amaqhinga kunye neendlela esikhe salinga ngazo kwimodyuli kunye/okanye kwinqanaba lenkqubo zezifundo?
  • Zeziphi iintsebenziswano phakathi kwezifundo ezahlukeneyo zeefakhalthi kunye neenkonzo ezikhoyo nezinokwenzeka? Yintoni esebenzayo kwaye yintoni engasebenziyo?
  • Uzifumana njani iingqiqo zabafundi ‘ngempumelelo’ yabo kunye nokufunda kwaye loluphi uhlobo lweendlela zeTLA ezivumela oku?

Siya kubandakanya iphaneli yeengongoma eziphambili zabafundi, kwaye abameli babafundi abakhethiweyo baya kumenywa ukuba bazimase yonke inkomfa kwaye banike ezabo izimvo. Ukusuka kwimizekelo esebenzayo yaseklasini ukuya kuphando lwabafundi ukuya kwiimbono neeprojekthi zeTLA ezilindelekileyo, sijonge phambili ekwabelaneni, ukufunda, kunye nokwandisa ukuqonda kwethu kunye nokusebenza kwempumelelo yabafundi edityanelweyo.